Reviews

Ucamngco lwesihobe sikaNondyebo Booi-Mtimdendini

Isihloko sombhalo-ngqangi (Title of manuscript): Gqabhuka thumbandini (Burst abscess)
Umbhali (Author): Nondyebo Booi-Mtimde

Uhlobo lwabafundi (Readership)

Xa ubani eqwalasela umgangatho wolwimi olusetyenziswe ngumbhali kwisihobe sakhe, ungatsho ngaphandle kwamathandabuzo ukuba le ncwadi ilungele ukuba yenye yeencwadi ezinokumiselwa ukuba zifundwe ngabafundi besiXhosa boLwimi lwaseKhaya abakwiBanga lesibhozo ukuya kwiBanga leshumi (Grade 8 to Grade 10 learners). Aba ke ngabafundi abakwisithuba seminyaka elishumi elinambini ukuya kwishumi elinesine ubudala.

Umongo (Content)

Isizathu sokuba ndikholelwe kwaye ndigunyazise ukuba le ncwadi ibe nokusetyenziswa njengenye yeencwadi ezimiselwe ngokusesikweni liSebe lezeMfundo, kungenxa yokuba umongo wayo kunye nemixholo echatshazelwayo kule ncwadi iyangqinelana nomongo kwanemixholo enokufundiswa kula mabanga ndiwakhankanye ngasentla apha. Oku kwalamana komongo wale ncwadi nengxam yokufundwayo kwiBanga lesibhozo ukuya kuma kwibanga leshumi, kuvela ngokucace gca kule kharityhulam intsha nebizwa ngokuba yiCurriculum and Assessment Policy Statement. Umzekelo, phantsi kwebanga leshumi, abafundi kulindeleke ukuba babe sele bekwazi ukufunda isihobe ngengqiqo kwaye babe sele benaso nesakhono sokusihlalutya ngokuchubekileyo.

Into entle eyenziwa ngumbhali wesi sihobe, uNondyebo, kukuba kwimibongo yokuqala elishumi kwincwadi yakhe, ubonisa abafundi ngeendlela abanokuzilandela ekuhlalutyeni nasekugoca-goceni umongo nomxholo oqulathwe ngumbongo lowo.Umbhali akaphelelanga apho, uthi xa eyiqukumbela incwadi yakhe kwela candela B, ukusukela kwiphepha lama-69 ukuya kwelama-84, andlalele abafundi ngamanqanaba asixhenxe aziintsika kuhlalutyo lombongo.Kula manqanaba ke uquka iindidi zemibongo, izafobe, imfano zandi, imvano ziphelo, njalo njalo. Oku akudandalazisileyo malunga nohlalutyo kuxhaswa ncakasana nakwiincwadi zohlalutyo nocamngco lweejenri zoncwadi ezityebileyo ezifana nezi: The New Owl Critic ngokubhalwe nguHeese, M noLawton, R (1994); Ubuqholo besihobe, ngokubhalwe nguDN Jafta (1987) kunye noMdiliya wesihobe, ngokubhalwe nguM Jadezweni (2008).

Ingcebiso nje ebendinokuyinika kulo mango kumbhali yeyokuba nanjengoko ndikhuthaza ukuba le ncwadi imiselwe abafundi besikolo, kungakuhle xa enokongeza oku kulandelayo kumabakala okuhlalutywa kwesihobe (izinto ezo zivelayo kwezi ncwadi zikhankanywe ngasentla):

  • Umahluko phakathi kwembongi yenkundla neyosiba okanye iimpawu zembongi yosiba.
  • Isihloko somhobe.
  • Ulwimi lwesihobe.
  • Izandi.
  • Inkangeleko yomhobe apha ephepheni.
  • Isingqisho nesingqi.
  • Intsingiselo okanye umyalezo womhobe.
  • Izithako ezisetyenzisiweyo ekuvezeni le ntsingiselo yomhobe.
  • Indawo ezenzeka kuyo iziganeko.
  • Uvakalelo oluvelayo kulo mbongo.
  • Iziganeko eziphambili kumhobe lowo.

Ulwimi lwesihobe sikaNondyebo Booi-Mtimde

UNondyebo kwesi sihobe sakhe usebenzise ulwimi olusulungekileyo ndawonye nesigama esikumgangatho ofanelekileyo nesinokulandeleka kwaye sifikeleleke lula kubafundi bebanga lesibhozo ukuya kwabo bakwibanga leshumi. Ulwimi lwakhe lukhangeleka ilolukhethwe kakuhle nangocoselelo, kunjalo nje uyaphumelela nasekusebenziseni izangotshe eziphuhlileyo kwisihobe sakhe. Uya kuqaphela ukuba lo mbhali ukwazile ukwenza into ephume izandla nencomekayo ngokuthi abe nenani elibalekayo lemibongo yakhe athe wayinika izihloko ezingamaqhalo okanye izaci. Imizekelo: Gqabhuka thumbandini (Burst Abscess); Inyathi ibuzwa kwabaphambili (Experience is the source of knowledge); Akukho nzwana ingenasiphako (There is nothing that is perfect under the sun); Umthathi uyawuzala umlotha (Evil can come out of good, as can good from evil) and Inkovu iphum`ethangeni (Everything has its source).

Inye nje into enokuba ngumqobo ekubeni le ncwadi yengqokelela yemibongo ibe nokushicilelwa ngokukhawuleza ukuze ithunyelwe ezikolweni, oko ke ziziphene ezibalekayo ezifumaneka kwintshayelelo yombhali, ubume bencwadi, kweminye yemibongo ukuya kuma kwiCandelo B: Amanqaku okuhlalutya umbongo asixhenxe. Uninzi lwezi ziphene ke ziquka ulandelelwano lwamagama olugwenxa, iziphene zopelo, uqhawulo lwamagama olungachanekanga kunye nonobumba abangabhalwanga kakuhle maxa wambi.  Emva kokuhlelwa nokulungiswa kwezi ziphene zikhankanyiweyo kule ncwadi, ndiqinisekile ukuba ingakulungela ngaphandle kwamathandabuzo ukushicilelwa.

Gqabhuka Thumbandini

Incwadi uGqabhuka thumbandini (Burst Abscess) iqulathe ingqokelela yemibongo engama-22. Le mibongo ayahlukanga nje ngobude bayo koko yahluke nangemixholo yayo, ndawonye nangeenkalo ezithile ezichatshazelwayo kubomi babantu ngokupheleleyo. Ngokwemixholo yombhali kunye nomongo ovela kuninzi lwale mibongo, kucaca okwekati emhlophe ehlungwini ukuba umbhali kudala eyikokosile imvakalelo yakhe ngezinto ezahlukileyo ebomini bakhe, kuquka ezo zimehleleyo ebomini, ukuya kwezo ziveza iinkumbulo ezimbi nezintle kwindlela yobomi asele eyihambile. Kuyaqapheleka kwindlela abhala ngayo ukuba oku kubonga kwakhe ngosiba yinto ekudala ithe chu ukumkhulela oku kwethumba, yathi ngokuya imkhulela kwabonakala ukuba ifuna ukumtshisa imqaqambele, de yagqabhuka yakuvuthwa ngaphakathi kuye. Nanjengethumba ke elithi lakugqabhuka kufumaniseke ukuba iintlungu azisavakali kangako, kuphantse kucace ukuba nalapha kumbhali kaGqabhuka thumbandini ukuba ngokudandalazisa konke okungaphakathi kuye ngokubhala esi sihobe, umvandedwa kwaneentlungu ezidandathekisa intliziyo yakhe ziya kutsho zithi thimbilili. Kakade ukwabelana nabanye abantu ngeentlungu zakho liyeza. Kungoko nentetho yomz`oNtsundu liyigxininisa into yokuba umntu ngumntu ngabantu.

Eyona nto incomekayo ke yeyokuba imobongo yakhe yokuqala ilandelwa yimibuzo enokusetyenziswa ngumfundi, ingakumbi lowo wasesikolweni ekuzohloleni ngoko athe wakufunda. Le mibuzo ikwasisikhokelo sohlautyo lombongo, uvavanyo lombongo, ukanti ikwacazulula nentsingiselo yombongo ukuze umfundi ayilandele kakuhle ingxam yombongo lowo. Uthi naphaya ekupheleni kwayo incwadi umbhali anike abafundi bakhe amanye wamabakala abanokuwasebenzisa kuhlalutyo lombongo. Ezi ke zizinto ezincomekayo kakhulu ngale ncwadi yakhe. Akabhalanga nje imibongo wandula wayiyeka ukuze umfundi azicubhele umqa ngokunokwakhe.

Kule ngqokelela yemibongo ke uNondyebo iinjongo zakhe kukwabelana nabafundi ngobomi bakhe, phofu bomi obo bungahlukanga ncam kobo bomntu wonke, kuba izinto athetha ngazo zeziqhelekileyo nakuwuphi na umzi. Imibongo yakhe ingeemeko ezahlukileyo kubomi bakhe ndawonye nangentlalo jikelele.  Umbongo wokuqala, nesithiywe ngawo isihloko sale ncwadi, uGqabhuka thumbandini, uveza iintlungu nobunzima obuthe babenza ubomi bakhe bazala ziinyembezi nezijwili. Umbhali uyiveza kakuhle into yokuba kubunzima bakhe bekungelula nokufumana uncedo kuba ubesithi sele “erhwaphiliza abadlulayo, suke bacing`ukuba uligeza elitsha”. Nangona kunjalo ke ithemba lokugqibela, ithemba lamathemba, ibe lilo elibe nguMhlanguli wakhe: UThixo. Mve xa esithi: “Uth`uDavide, akozeli akalali umgcini kaSirayeli”.

Iliqela ke imibingo yombhali eveza phandle ukuba iimeko ezinzima zobomi bakhe uye waziphumeza kwaye wazoyisa ngokoyama kwithemba elinguThixo. Kumbongo wesibini, uChukumis`amathambo (shake the bones of the deceased), umbhali uncoma umlisela nomthinjana othi xa efumene amathanyana kubhelu lomsele ungaphuncukwa sisimilo, koko uzonwabele ngendili nesithozela uxele ookhokho nemilowo yamandulo. Oku kuziphatha kwabo kakuhle kuko ke oku kushukumisa loo mathambo alele ukuthula, mathambo lawo ayithandayo indili nembeko, nayichasayo imeko egqamileyo yokuphathwa gadalala kweentsapho ngenxa yolu bhelu lomsele, ngabula mbhali. Inkolo nokuzithoba kombhali iyavela nakulo umbongo nanjengoko emana ukuqukumbela izitanza zakhe ngolu hlobo: “Yanga iNkosi ingev`umthandazo wabantwana abancinci ngenxa kaYesu Krestu iNkosi yethu”.

Akaphelelanga ke apha kule mibongo umbhali ukugadlela ngemiba ejolise kwintlalo yoluntu. Nakule mibongo ilandelayo umongo wakhe ugxininisa kwintlalo yethu jikelele, nasekwakheni, ekuxhobiseni okanye ekulumkiseni uluntu ngokubanzi: Inyath`ibuzwa kwabaphambili (Experience is a source of knowledge); Akukho nzwana ingenasiphako (There is nothing perfect under the sun); Intlebendwane (Gossip); Ubomi (Life); Uthando (Love); Tomorrow is forever; Yiba nguwe (Be yourself); Ziyolise ngaYe (Rejoice in Him); njalo njalo.

Umbhali umana ukuthi gqolo esityhilela nangobomi bakhe, usapho lwakhe nangendlela ahle esenyuka ngayo ebomini ukuze aze kuthi ga kule ndawo akuyo namhlanje. Oku ukudandalazisa kule mibongo ilandelayo: UZintle (Her daughter`s name, Zintle (Beauty)), kulo mbongo umbhali usizobela ubuhle bentombi yakhe uZintle, ntombi leyo ayifanisa nencindi yobusi neentyatyambo, nayibona njengethemba leAfrika.

Okwesibini, kumbongo Usiba lukaNondyebo (Nondyebo`s art of writing), umbhali uncoma ukunyamezela kwakhe imfundo nenkxaso kaMdali kwimpumelelo yakhe esikolweni. Iinkumbulo zomyolelo katata wakhe mhla wayelishiya eli limagad`ahlabayo ziyavela kumbongo othi Zugcin`abantwana bam (Look after my children). Okokugqibela, kumbongo Iintshaba zam (My enemies), umbhali usivezela ubunzima aye wajongana nabo ebomini, nzima ezo zize neentshaba zakhe ukusukela ekuzalweni kwakhe, ekuqaleni kwakhe isikolo, ukuya esinaleni nasekuqaleni kwakhe ukusebenza iintshaba zakhe zimthe mbende zingafuni kunikezela. Kuthe ukuze kube ngcono nasekubeni ziphantse zamahlukanisa nonina, wakholosa ngoMdali, ngenene wawafumana amandla okujongana nezo ntshaba zakhe.

Ubuthandazwe nokuzingca kombhali ngezwekazi lakowabo i-Afrika kuvela rhoqo apha kwisihobe sakhe. Kumbongo othi Ngxe Ma-Afika (Pardon! Africans) umbhali uvakala ekhathazekile yimeko yezwekazi lakowabo iAfrika. Ezona zinto zimxhela umphefumlo nezigqubayo kwizwekazi leAfrika ngokombhali zezi: Indlala; uqhawulo-mitshato; ukusetyenziswa kweziyobisi; ukufa okungapheliyo nokukhokelela ‘ekugcwaleni kooNontsumpa’ nobundlobongela. Ngokombhali konke oku kungancipha xa uluntu lunokoyama ngoThixo ngaphezulu kokubhedesha umtyholi.

Okwesibini, kumbongo Ikhaya lam (My home), umbhali ubongoza amaAfrika ukuba azingce ngeengcambu zawo, imvelaphi yawo, kwaye uyayigxininisa nento yokuba iAfrika isisiqalo, izingcambu, kwaye iziziqhamo zempumelelo kuwo onke amaAfrika azingcayo ngayo. Kananjalo, kumbongo onesihloko esiveza uchasaniso: Umthathi uyawuzala umlotha (Evil can come of good, vice versa), umbhali ukhumbuza ekwafundisa umlisela nomthinjana weAfrika ngamaqhawe eli zwekazi adlale indima ephambili ekuphuhliseni ubuAfrika. Ukhathazekile ke kuba ngokokubona kwakhe ulutsha lwanamhlanje lweAfrika aluhambi ezinyaweni zamaqhawe amandulo. Mve kwisitanza sesithathu xa esithi: “Nzala yenu isuke yakreqa kuni. Ndlebe zayo zimomen`iziyobisi.”

Ukanti kwelinye icala, kumbongo osihloko singu2010 (Year 2010), umbhali uveza ubuhle abubonileyo ngezwekazi leAfrika. Kulo mbongo umbhali uncoma indlela izwekazi elimanyene laze laphathisana ngayo kakuhle ekuququzeleleni nasekusingatheni iNdebe yeBhola ekhatywayo yeHlabathi kaFifa kumnyaka ka-2010 eMzantsi Afrika.

Xa umfundi eqwalasela kwindlela umbhali ayichaphazele ngayo imixholo eyahlukileyo kwingqokelela yakhe yemibongo, uya kufumanisa ukuba isakhono sombhali ekubhaleni sikhethekile kwaye siphuhlile kakhulu. Indawana nje inye anokuqwalasela kuyo umbhali, kukulungiswa kweziphene esele zikhankanywe ngasentla kwisihobe sakhe, ukuze sibe nokushicilelwa.

*Gqabhuka Thumbandini is available from Logical Books in Khayelitsha. Contact Madoda Gcwadi at 076 173 1474.

Comments

Nomsa Ralarala says:

Ndifuna ukuti lencwadi izonika umdla kubafundi ndikwakhuthaza umbhali wayo nditi ntinga ntaka ndini unqandwe sisibakabaka

sipho says:

kuyandivuyisa kakhulu ukubona ababhali abakhupha iincwadi ezikwizinga elincumisayo njengo sisi Nondyebo. Yanga urhulumente angayithathela ingqalelo le ncwadi ukuze bakhuthazeke nabanye ababhali kukubona olu phuhliso.

Nondumiso Mkonto says:

LIGQABHUKIL’ ITHUMBA!

Inene lide lagqabhuka ithumba ebelikade lithuthumbisa intombi yakwaBooi phaya eMakhaza kweli laseNtshona Koloni. Ukugqabhuka kwalo kubangele wonke umzi we-Ikapa Writers Forum uzale yimincili. “Ukuzalwa komntwana akulilo ishwangusha.” Ityibele ngelitshoyo inzwakazi yakwaBooi izele yimincili. Yonke le ngxokolo yenzeke emveni kokuba uVuyo Booi Mtimde ethe wakhupha incwadi yakhe yokuqala yemibongo. “Ibiliphupha lam into yokuba ndibe nencwadi epapashiweyo. Kudala ndibhala ndisiwa ndivuka. Ndivuya kakhulu namhlanje kuba iphupha lam lide lazaliseka.

UVuyo ngumsebenzi phaya kwivenkile yakwaShoprite. Ngubani umntu owayesazi ukuba umsebenzi wakwaShoprite uyakuze akhuphe incwadi ekumgangatho ophezulu?

UVuyo lo ukhuphe incwadi yakhe yokuqala ethi Gqabhuka Thumbandini kule nyanga siyishiyayo yolutsha. Incwadi ethi Gqambuka Thumbandini yincwadi yemibongo ebhalwe ngale ndlela intsha yobhalo loncwadi, ndithetha nge-Curriculum 2014, “One book, one learner.”

Le ncwadi ibhalwe ngohlobo olulodwa incedisana nomfundi ukuze akwazi ukuhlalutya imibongo ngendlela eyiyo. Oko kuya kumnceda umfundi ukuba aziqhube ehlalutya nelandelayo, elandela indlela ayihlahlelweyo.

Into ebalulekileyo ngale ncwadi, iphantse kuba nako konke okulindeleke embongweni. Zonke iimpawu zemibongo zikho, nembongi ngokwayo ineempawu zobumbongi bomthonyama ukanti nobumbongi bosiba bukho kangangoko kwalapha kule mbongi inye.

Kwimibongo emibini kusetyenziswe indlela ezimbini zokuhlalutya ukuphuhlisa impumelelo nokuncomeka kokubhalwa ngendlela eyiyo yemibongo. Kusetyenziswe uhlalutyo njengoko ubhaliwe umbongo (Literal Method of Analysis). Kwaphinda kwasetyenziswa uhlalutyo lombongo ngokohlobo luka Marx. Ukuthatha into ebhaliweyo uyizise, uyinxulumanise nendlela esiphila ngayo (Marxist Approach)

Iinjongo zikaVuyo zezokuba le ncwadi yakhe ibe nokusetyenziswa ezikolweni kuba imibongo ayibhalileyo inemfundiso kwaye igxile kwimiba yala maxesha. UVuyo ukwahlaba ikhwelo lokuba isebe lezemfundo nenkcubeko lithabathele ingqalelo likwaxhasa ababhali besiXhosa.

“Uyintsikelelo kobam ubomi lo mbutho wababhali yaye mna andifanele nokuthi enkosi kuwo kodwa onamandla onke uya kuwuivuza ngokufanelekileyo. Bubudenge ke obu ndibuthethayo kotshabalalayo kodwa kowobabalo bubomi.” Uqwele ngelitshoyo ngethuba ebulela umlawuli weqonga lababhali elaziwa nge-Ikapa Writers Forum nothe wamxhasa eqinisekisa ukuba iphupha lakhe liyazaliseka. Uye wabongoza nabanye abantu abaneenjongo zokupapasha iincwadi zabo ukuba baqhagamshelane nalo mbutho.

“Ndinethemba lokuba ababhali bolwimi lwesiXhosa baya kumila mpiko zimbi ngegalelo lam. Ndinomnqweno kananjalo wokuba ulutsha nalo lulande ekhondweni kuba ininzi italente abanayo ntonje kufuneka bona bazimisele bezibandakanya nemibutho eyenza inguqu ekuhlaleni.”

UVuyo uye uhlaba ikhwelo kwiinqununu nootitshala ebongoza ukuba bakhe bathabathele ingqalelo bexhasa imigudu yomzi oNtsundu. “Ewe, mabathenge incwadi ezibhalwe ngababhali balapha ekuhlaleni ukuze abafundi bafunde iincwadi ezimalunga nobomi babo. Abantwana baza kuzingca njani ngee- role models zasekuhlaleni xa zingaphakanyiswa luhlanga olumnyama?” Uqwele ngelitshoyo uVuyo egcobile emphefumlweni.

Le ncwadi yakhe yemibongo equlathe iimfundiso ezizizo ifumaneka kwezi nombolo zilandelayo. 021 361 0388/ 076 755 1111.

Zakhile says:

Le ncwadi ibonakala iza kuba negalelo elikhulu ekuphuhliseni ulwimi lwesiXhosa ngokubanzi. Izihloko ezingamaqhalo zindenza ndichulumance kanobom kuba zikhokhelela ukuba umfundi aqale azi intsingiselo yesihloko eso phambi kokuba adadel’enzulwini ngohlalutyo. Ntinga ntakandini!!

Zameka Sijadu says:

The review is great it is done in a satisfactory way. I’m very happy about the way it gives guidance to the poet so she can improve her writting. I think the poet has a great future in writing.

I want to suggest that before the review is published the final editing is done to ensure that all errors are corrected.